Featured Poem:
Akho Amaxesha Anjalo
Enlarge poem
Featured Poem:
Akho Amaxesha Anjalo
Namhlanje udakumbile.
Umzimba awuvumi.
Ingcinga onazo ziyakungcangcazelisa.
Ngobuthathaka bakho bakuhlelele.
Bayakukhumbuza bekundlandlathekisa.
Qiniseka kuzakulunga.
Akho Amaxesha omvandedwa.
Uhleli nje uyazithunuka.
Amanxeba amandulo.
Ngalo lonke ixesha uzihombisa ngokuzigxeka.
Bubomi ke obo yaye buyaqhubeka.
Akho wena Amaxesha
Ibe ngathi amaphupha akho awade azaliseke.
Ecaleni kwakho bonke babonakala bephumelela.
Izicelo zomsebenzi uyazifaka kwangethuba kodwa soze ubizwe njengabanye.
Noyena xholovane wayengalumkanga esinaleni uthi xa umjonga
Gqi ngendoda enezidanga ezingaziwayo umthombo wazo
Isigebenga sempumelelo yobuxoki.
Akho Amaxesha uzibuze imibuzo emininzi.
Eminye yawo ngoku uyindoda ukhale esimantshiyane.
Akho Amaxesha Anjalo bakulibale bakulibale ze xa usemgubasini walapho uyakhona bonke bazibize kwigama lakho.
Elowo uzirhangqa kwisangqa sempumelelo yakho.
Inkoliso yabo wath’uyicenga ayakucacela yacezela phaya.
Abanye bakuthembisa ngebhotolo bathi ina bamba
Kanti ngamafutha ehagu
Akho amaxesha okuba ungathandwa kowenu.
Nditsho nabo nanisesibelekweni esinye nabo.
Nalowo kanti ukuzalayo asuke
Akubone ungumzondo kuye
Nibangazama ukusombulula inyewe nihlinza impuku kusuke kuthi Thu amathole amarhamba noodlezinye.
Akho amaxesha okuba abantu badikwe nguwe.
Xa uzijonga esipilini ubengumhlehlo kulowo udla imifuno neziqhamo kuphela phofu akho mntu umenze into ebuhlungu.
Akho amaxesha okujongelwa phantsi.
Amaxesha okuba kudlalwe ngawe.
Bakwenze ileli yesixeko banyuke ngawe.
Bakwenze amazinyo emboleko bahlafune ngawe.
Akho amaxesha okuba uthi ufuna ukubhala
Suke amagama anqabe ephepheni
Uthi sowubhalile ityuwa ingavakali.
Incasa ilahleke.
Ingqondo ibhadule.
Ukholo lunyamalale.
Uzifune ungazifumani.
Akho amaxesh okuba ungamameli yonke into ethethwayo ngawe ngabantu.
Abanye abantu uyabahlaziya
Kwabanye usisilungulela
Yazi amaxesha obomi awafani.
Akho amaxesha uzibuze ukuba
UNdlakuse uyikhupha nini na incwadi?
Ulikhupha nini na icwecwe lemibongo?
KUNINI eyenza lento kodwa Akho nkqubela.
Akho amaxesha Anjalo wena.
Translation
This poem takes us into a mind of a poet that is riddled with self-doubt, anxiety and words that will not come. The poet finds it very challenging to pursue this art form amid societal pressures, naysayers, limited resources, negative thoughts and “the changing seasons of life”.

All work on this website is licensed under a Creative Commons Attribution-NonCommercial-ShareAlike 2.5 South Africa License.
Ngenene Akho amaxesha anjalo, soncedwa kunyamezela, sizingisa sinomonde sixhoba ngomthandazo de siwabalise njenge mbali amaxehsa anjalo.